Izitiya ezidolophini sesinye isisombululo kubuqhophololo nendlala

Izifundiswa nabalimi bezitiya ezisecaleni kwendlela bathi ukulima ezidolophini kungayigxoth’ indlala, kucuthe umgama wonikezelo lokutya, kuncedise kutshintsho olukhawulezayo kwimeko yokuhlala, luphinde ludibanise uluntu obelukade lungaboni ngasonye.

Yaguqulelwa nguPhindie Ndamase

Read the original article in English

Iingcali kwezolimo ezidolophini zithi olu hlobo lolimo yenye yeendlela abantu abanokuthi baguqule imeko abazibona bekuyo ngenxa yokuphoxwa ngurhulumente, bangaxhomekeki mntwini. Nanjengokuba amaxabiso ezinto entingele phezulu kangaka kweli, ngokufanayo nokunyuka kweqondo lentswelangqesho, abahlali basezidolophini akumele bachithe xesha ngoku, kumele bazilimele kwimihlatyana esecaleni kwendlela.

Inyathelo elilandela ukulima imifuno, kukwabelana ngayo. Ukusuka apho, umsantsa osabonakalayo ngenxa yocalulo ngokwebala nokufuma kwepokotho esisawubona nanamhlanje, ungavaleka. Oku kuthethwe ngumlimi osebenza umhlaba osecaleni kwendlela ePitoli, uDjo BaNkuna. Utyale amabhanana, i-avocado, ispinatshi, i-beetroot, ibhatata netswele. Le mifuno inabele nasemva kwendlu yakhe, apho yena nowakwakhe oxelenga njengoNontlalontle bafumana khona intwana abathi babenokwabelana ngayo namakhaya ekuhlala kuwo iinkedama zaseSoshanguve nalawo angenabani uphangelayo.

UBaNkuna uthi “Uninzi lwethu alukayikholelwa le ndlala ingaka siphila kuyo. Ndizibhaqa sendilila xa ndibona umntwana omncinci kangangeminyaka emihlanu engatyi iintsuku de zibembini kule Soshanguve, kufutshane kangaka nodederhu lweevenkile. Kukho amakhaya angenabazali apho enye intombazana eneminyaka eli-13 kuphela, ikhulisa abantwana abahlanu ekufuneka bavuke kusasa baye kwezi venkile besiyakugqogqa imigqomo ngelifuna iintsalela zokutya. Kubi kakhulu kweli lizwe lethu.

11 KweyeSilimena 2022: Umhlali wasePitoli uDjo BaNkuna ngaphandle kwisitiya somzi wakhe osedolophini. UBaNkuna uphisana ngokutya akutyalileyo kubamelwane bakhe eShoshanguve. (Imifanekiso nguIhsaan Haffejee)

UBaNkuna wabayindumasi KweyeNkanga (Novemba) nyakenye ngethuba amapolisa kamaspala emyalela ukuba asiphule imifuno yakhe ayityale ngaphandle komzi wakhe, ukuze endaweni yayo afake iintyantyambo okanye ingca, akugqiba ahlawule umdliwo wewaka eli-1 500 leerandi. Akwala ukwenza nanye kwezi zinto, waakhutshelwa umsila wengwe, ze kamva inkundla leyo yalirhoxisa ityala ngakuye.

Uthi “Ndifuna ukukhuthaza ukumiselwa kwezitiya, nangona urhulumente wethu engekayicingi nokuyicinga lo nto. Embi yeyokuba sishunyayezwa ngokuthenga kooPick ‘n Pay nooShoprite kangangokuba abantu abasakwazinokuzenzela ngezandla zabo, basebenzisane nendalo, ngoku umhlaba wokusondla ukhona.”

Uqhuba athi “Wakubanetswele nekhaphetshu, okufunekayo nje ngumqa. Emva koko, uzakufumanisa ukuba awusafuni kwalo mqa, eyonanto uyifunayo ngoku litapile, ozityalele ngokwakho kwalona. Xa udibanisa ezi zinto zintathu unesitya esigcwele ukutya. Uninzi lwabantu aph’ eSoshanguve ke bandithela nqa! xa ndisithi ndililime kwesi sitiya sam sisecaleni kwendlela. Phofu ke kuninzi lwethu kule mihla, ukutya kuphela koku kusezivenkileni.”

Ehlakula igadi yakhe, uMelissa Britz ngomnye wabaseki beOppieyaart (On the Yard), isitiya awasiqala emva kwendlu nogxa wakhe uLucelle Campbell e-Elsies River kwingingqi yeCape Flats nesenzelwe ukutyala izityalo zemveli.

9 KuTshazimpunzi 2022: Omnye wabaseki beOppieyaart uMelissa Britz kwisitiya esisemvakwendlu yakhe e-Elsies Rover. (Imifanekiso nguBarry Christianson)

Eli phulo alikanabeli ecaleni kwendlela njengamanye, kodwa selithutha umgquba ukuxhasa abanye abalimi ngelinika isondlo kumhlaba oyisanti kule ngingqi, nongakulungelanga ukulima imifuno. Emva kwale ndlu kukho iinduli zomgquba owenziwe ngamagqabi, amagqabi asebenzileyo eti eluhlobo iRooibos, ingca, namaxolo emifuno abawaqokelela kubamelwane. Umgquba abangawusebenzisiyo eOppieyaart baye baphise ngawo.

UBritz uthi “Kwabo basaqalayo, enye yezona zinto zibalulekileyo kukukhusela umhlaba kwilanga, kuba kukho indalo ephilayo emhlabeni: izinto eziphilayo, imisundululu, iintsholongwane eziluncedo nokungunda. Zonke ezi zinto azidibani nokukhanya kwanobushushu belanga. Eyona nto ilula kukwenza umgquba nangantoni na ekhoyo ekuhlaleni.

Uphinde anabe athi isanti ayiwagcini amanzi kwaye ngenxa yokuguquguquka kwemo yezulu nakumaxesha okuna kwemvula, kumele amafama asezidolophini andise amathuba okuba umhlaba ugcine amanzi.

Kutshanje uBritz ebevuna i-ginger ethathe iinyanga ezisibhozo ukukhula, kwaye usibonisa umhlaba omhle nomdaka ngebala, abeyilime kuwo – ezi ziziphumo zokondla kwakhe lo mhlaba nobukade uyisanti. Lo mhlala ukwawondla nangomgquba owenziwe ngemisundululu. Uthi “Ifama yemisundululu ayinyanzelekanga ukuba itye kakhulu epokothweni. Sinebhafu endala esigcina kuyo le misundululu nethi siyisebenzise ukubuyisela isondlo emhlabeni.”

9 KuTshazimpunzi 2022: UMelissa Britz uhlakula isitiya sakhe sejinja. (Imifanekiso nguBarry Christianson)

Omabini la maphulo asebenzisa amanzi asebenzisa amanzi akhiwa kwimigqomo ebekwa kwiindawo ekuhla ngazo amanzi emvula. Bathi iinkqubo ezitya kakhulu epokothweni njengokuthenga amatanki nemibhobho yophahla ekhongozela amanzi azinyanzelekanga.

Elinye ilungu leqela iOppieyaart uRobert Wolfe ligcina la manz’ emvula kwiibhotile zesiselo, lizigcinele ukunkcenkceshela ngeenyanga ezomileyo. UBritz uthi “Sinegumbi eliphantse ligcwale ziibhotile zamanzi.”

UBaNkuna naye akanayo le mibhobho yophahla kukhongozelwa ngayo amanzi, kodwa uyakwazi ukuthi xa kusina ebusuku akoleke iilitha eziliwaka zamanzi, ngokuthi nje abeke imigqomo yokukhongozela amanzi kwiikona zomzi wakhe.

UNjingalwazi kwiYunivesiti iUnisa uMunyaradzi Chitakira nokwayingcali kwimiba yentlalo ngokukhawulelana nemeko yokuguquka kwemo yezulu uthi kubaluleke kakhulu ukuba wonke ubani abenesitiya sakhe ekhaya. Uthi “Amaxabiso okutya ayenyuka, abantu baphelelwa yimisebenzi kwaye kubalulekileyo ukuba ubani acinge indlela azakuxhasa ngayo usapho lwakhe ngokutya. Ukufumana ukutya okungenamachiza kubalulekile nanjengoko ubani enakho ukukulawula.

Ukuba awunamhlaba, beka amabhakethi, iitoti, nandawoni na apho unokutyala khona endaweni yokuthenga yonke into.” UChitakira waleke ngelithi kumele oomaspala babeke buchala umhlaba noonogada abazakubeka iliso kumasimi alinywa ngobambiswano lwabahlali.

Izitiya ezininzi ezincinane zibaluleke kakhulu kulimo lwasezidolophini. Ziyamelana neemeko ezinzima nanjengoko iintsapho ezininzi ziqinisekile ngokhuseleko lokutya kwazo. Izityalo zona kuqala zicutha ungcoliseko lomoya, xa kungazukubakhomfuneko yakuthuthelwa kwemifuno ethengiswayo kwiindawo ezahlukileyo kweli.

Ingcali kulimo ezidolophini uJuanee Cilliers iyangqina ukuba izitiya zasekuhlaleni zibalulekile ekusekeni oovimba bokutya bethutyana, nozinzo kwezolimo ngokubanzi.

Uphando selubonisa ukuba izitiya ezikhoyo zibaluleke kakhulu kuqoqosho nohlumo ekuhlaleni. UCilliers uthi “Umgama onokuhanjwa lolu hlobo lorhwebo awukasiwaso kwaye ungayeyona ndlela yokulungisa ingxaki kukhuseleko lokutya, ukuvula amathuba emisebenzi nophuhliso kwezoshishino.

9 KuTshazimpunzi 2022: UMelissa Britz ukhomba umsundululu okumgquba owenziwa yiOppieyaart. (Imifanekiso nguBarry Christianson)

Ukwakhiwa kwentsebenziswano

UBaNkuna ukhe waphanda ngokunyuka kweqondo lentswelangqesho, elibangela indlala nkqu! nakwiilali ezikufutshane naseTzaneen kwiphondo iLimpopo – ingingqi enomhlaba otyebile ngeyona ndlela, namathuba amaninzi emvula – apho abahlali baziwa ngokulima nokuziphilisa okuzisebenzela. Uthi “Ndaafumanisa ukuba amakhitshi esisa ayafuneka ngoku nasezilalini, kuba kuyalanjwa napha. Akumnandanga ukutya umqa onetyuwa kuphela. Kubuhlungu.” Kwindlal’ engaka, ingxaki yobuqhophololo eburhulumenteni, ukuguquguquka kwemo yezulu nezikhukhula kwiphondo iKwaZulu-Natal, uBaNkuna uthi akumele abantu baphelelwe lithemba lokupholis’ amanxeba elizwe – lo nto ke iyakuphelisa umkhwa wokufihlwa kokutya. Uqhuba athi, “Akufanele ukuba sikufihle ukutya. Ukutya kubaluleke njengomoya lo siwuphefumlayo. Xa sisabelana ngokutya, abakwaVan Tonder bazakuthetha nabakwaNgobeni, abakwaNgobeni nabo bakrwece abakwaMahmood. Singasebenzisana, kuvaleke nomsantsa esiwazi ukho phakathi kwezi ntlanga.”

Kule mihla uBaNkuna umana esibanodliwanondlebe nabalima ecaleni kwendlela njengoko ezama ukubhala incwadi. Ukhe wadibana nowasetyhini olime ikhulu leemitha ecaleni kwendlela, nelingondla iintsapho ezilikhulu.

Uvala incoko yethu naye ngelithi “Ngokwenene kufuneka abantu babuyele kundalashe, nokuphila ngokuzenzela. Ewe kona ubani angathenga kooPick ‘n Pay afumane izinto ezifana nesepha. Iqhelekile lo nto. Kodwa akukhosizathu sokuthenga izinto ezifana netswele nebhatata, onokuzilimela ngokwakho.

If you want to republish this article please read our guidelines.